Uyeremiya 3:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakúbona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.

8. Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinka incwadi yokwahlukana nalo, lisuké noko ingininginikazi uYuda, udade walo àloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.

9. Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.

10. Nakuko konke oko, àlabuyela kum ingininginikazi, udade walo uYuda, ngentliziyo yonke; kwaba ngokuxoka; utsho uYehova.

11. Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.

12. Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.

13. Búvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.

Uyeremiya 3