6. Kaloku ke mna ndiwanikele onke la mazwe esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, kwanamarhamncwa asendle ndiwanikele kuye ukuba amkhonze.
7. Ziya kumkhonza zonke iintlanga, yena, nonyana wakhe, nonyana wonyana wakhe, kude kufike ixesha lelakhe ilizwe; zimkhonze ke naye iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu.
8. Kuya kuthi, uhlanga nobukumkani obungayi kumhonza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, obungayifakiyo intamo yabo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, ndiluvèlele olo luhlanga ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa, utsho uYehova, ndide ndibagqibe ngesandla sakhe.
9. Musani ke nina ukubaphulaphula abaprofeti benu, nabavumisi benu, namaphupha enu, namatola enu, nabakhafuli benu; bona abo bàthi kuni, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli.