Uyeremiya 26:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Babemva ke uYeremiya ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, ethetha la mazwi endlwini kaYehova.

8. Ke kaloku, ekugqibeni kukaYeremiya konke abewiselwe umthetho nguYehova ukuba akuthethe kubantu bonke, bambamba ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, bathi, Inene, ùya kufa.

9. Yini na ukuba uprofete egameni likaYehova, usithi, Le ndlu iya kuba njengeShilo, lo mzi ube linxuwa, ungabi nabemi? Babizelwa ndawonye bonke abantu kuYeremiya endlwini kaYehova.

10. Baweva abathetheli bakwaYuda la mazwi, benyuka bemka endlwini yokumkani, baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha likaYehova.

Uyeremiya 26