Uyeremiya 23:31-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abathabatha ulwini lwabo, bathi, Útsho.

32. Yabonani, ndichasene nabaprofeti abaprofeta amaphupha abuxoki, utsho uYehova, bawalawule, babalahlekise abantu bam ngobuxoki babo, nangokugasa kwabo, endingabawiselanga methetho, abangàbancediyo nokubanceda aba bantu: utsho uYehova.

33. Ke kaloku, xa bathe bakubuza aba bantu, nokuba ngumprofeti, nokuba ngumbingeleli, besithi, Síyintoni na isihlabo sikaYehova? wòbaxelela into esiyiyo isihlabo, sithi, Ndiya kunilahla, utsho uYehova.

34. Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe.

35. Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Útheni na ukuphendula uYehova? útheni na ukuthetha uYehova?

36. Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya; ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.

Uyeremiya 23