Uyeremiya 21:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ekuthumeni kokumkani onguZedekiya ooPashure unyana kaMalekiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuye, ukuthi, Khawusibuzele kuYehova,

2. ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.

3. Wathi uYeremiya kubo, Nòtsho kuZedekiya ukuthi,

4. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyazijika iimpahla zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabheli, namaKaledi aningqingayo, ngaphandle kodonga, ndizihlanganisele esazulwini salo mzi.

5. Ndiya kulwa nani mna ngesandla esolukileyo, nangengalo ethe nkqi, ndínomsindo, ndínobushushu, ndínoburhalarhume obukhulu.

Uyeremiya 21