30. Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidlé abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.
31. Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kúngathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, àsizi kuwe?
32. Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.
33. Ùyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.
34. Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.