Uyeremiya 17:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni; uya kubushiya phakathi kwemihla yakhe, abe sisidenge ekupheleni kwakhe.

12. Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu;

13. themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.

14. Ndíphilise, Yehova, ndiphile; ndísindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.

15. Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.

16. Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.

17. Musa ukundiqhiphula umbilini; ùlihlathi lam ngomhla wobubi.

18. Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bàzisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.

Uyeremiya 17