Uyeremiya 16:19-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo bádla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.

20. Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?

21. Ngako oko, yabona, ndiyabazísa ngesi sihlandlo, ndibazíse isandla sam nobugorha bam, bazi ukuba igama lam linguYehova.

Uyeremiya 16