9. Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.
10. Utsho uYehova kwaba bantu, ukuthi, Benjénje ukuthanda ukubhadula; iinyawo zabo abazinqandanga; uYehova akakholiswa ngabo; kungoku uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo.
11. Wathi uYehova kum, Musa ukubathandazela aba bantu, ukuba kulunge kubo.
12. Xa bazila ukudla, andiyi kukuphulaphula ukuhlahlamba kwabo; naxa banyusa amadini anyukayo neminikelo yokudla, andiyi kukholiswa ngawo; ke ndiya kubaphelisa ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.
13. Ndaza ndathi, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, abaprofeti bathi kubo, Aniyi kubona krele, nendlala aniyi kuba nayo; ndiya kuninika uxolo oluyinyaniso kule ndawo.
14. Wathi uYehova kum, Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam; andibathumanga, andibawiselanga mthetho, andithethanga kubo; bona baniprofetela umbono wobuxoki, nokuvumisa, nento engento, nenkohliso yentliziyo yabo.