Uyeremiya 11:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Waveni amazwi alo mnqophiso, nithethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem;

3. uthi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mayiqalekiswe indoda engawevayo amazwi alo mnqophiso,

4. ndabawisela umthetho ngawo ooyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi; ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze ngako konke endiniwisela umthetho ngako: nĂ²ba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;

5. ukuze ndisimise isifungo endasifungela ooyihlo, ukuba ndibanike ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko kunjalo namhla. Ndaphendula mna, ndathi, Amen, Yehova.

Uyeremiya 11