Uyeremiya 1:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,

5. Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga.

6. Ndathi mna, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, andikwazi ukuthetha, ngokuba ndingumntwana.

7. Wathi uYehova kum, Musa ukuthi, Ndingumntwana: ke ùya kuya kubo bonke endikuthuma kubo; konke endikuwisela umthetho ngako, uze ukuthethe.

8. Uze ungaboyiki, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.

9. Wasolula uYehova isandla sakhe, wachukumisa umlomo wam; wathi ke uYehova kum, Yabona, ndibeke amazwi am emlonyeni wakho.

10. Khangela, ndikwenza namhla umveleli weentlanga nezikumkani, ukuba unyothule, udilize, utshabalalise, ugungxule; ukuba wakhe, utyale.

11. Kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi, Yintoni na le uyibonayo, Yeremiya? Ndathi, Ndibona intonga yomthi womamangile.*

Uyeremiya 1