Urute 3:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungàziwa ukuba bekuze inkazana esandéni.

15. Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.

16. Waya kuninazala, wathi yena, Ùtheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo.

17. Wathi, Indiniké ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha.

18. Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla.

Urute 3