8. Wathi uBhohazi kuRute, Uyeva na, ntombi yam? Musa ukuya kubhikica ntsimini yimbi; kananjalo uze ungadluli apha; namathela wenjenje kumthinjana wam lo;
9. amehlo akho makabe sentsimini oyivunayo wona, uwulandele; yabona, abafana bakwam ndibawisele umthetho wokuba bangakuchukumisi; xa unxaniweyo, yiya ezityeni, usele into ekhiwe ngabafana.
10. Wawa ngobuso bakhe, waqubuda emhlabeni, wathi kuye, Kutheni na ukuba ndibabalwe nguwe, undibuke, ndiyinkazana yolunye uhlanga nje?
11. Waphendula uBhohazi, wathi kuye, Ndiyixelelwe kakuhle yonke into oyenzileyo kunyokozala, emva kokufa kwendoda yakho; ukuba ùshiye uyihlo nonyoko, nelizwe owazalelwa kulo, weza ebantwini obungabazi ngaphambili.