Urute 2:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. nimrholele nokumrholela inxenye ezithungwini, nishiye, abhikice, ningamkhalimeli.

17. Wabhikica entsimini leyo kwada kwahlwa; wayibhula into abeyibhikicile, yanga yiefa* yerhasi.

18. Wathwala, waya ekhaya; wayibona uninazala into ayibhikicileyo; wakurhola, wamnika abekushiyile akuba ehluthi.

19. Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi.

20. Wathi uNahomi kumolokazana wakhe, Makasikelelwe yena nguYehova, ongayekelelanga ukwenza inceba yakhe kwabaphilileyo nakwabafileyo. Wathi uNahomi kuye, Indoda leyo iyalamana nathi; ingowabakhululi bethu.

Urute 2