1. Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; igama layo libe linguBhohazi.
2. Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam.
3. Wahamba waya, wabhikica entsimini emva kwabavuni. Ithamsanqa lakhe lawela phezu kwesahlulo sentsimi kaBhohazi, obengowomzalwane kaElimeleki.
4. Wathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele.