16. Ngokuba njengoko niselé ngako entabeni yam engcwele, ziya kuhlala zisela ngokunjalo zonke iintlanga, zisèle zibizele, zibe njengabangàbángakho.
17. Ke, entabeni yeZiyon kuya kubakho okusindileyo, kube yingcwele; indlu kaYakobi izihluthe iindawo eyazihluthwayo.
18. Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo, nendlu kaYosefu ibe lilangatye; indlu kaEsawu ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile.
19. Abakwelasezantsi bozithimba iintaba zakwaEsawu; nabasezithabazini bahluthe amaFilisti; bahluthe isisimi sakwaEfrayim, nesisimi sakwaSamari; uBhenjamin ahluthe elaseGiliyadi.
20. Abathinjwa bakule mpi yonyana bakaSirayeli baya kubahlutha abangamaKanan, bade base eTsarefa, abathinjwa baseYerusalem abaseSefaradi bahluthe imizi yelasezantsi.