Unehemiya 13:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu; kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade;

2. ngokuba engĂ bakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.

3. Kwathi bakuva umyalelo lowo, bawahlula wonke umxube kumaSirayeli.

4. Ke kaloku phambi koko, uEliyashibhi umbingeleli, obemiswe phezu kwamagumbi endlu kaThixo wethu, wazalamanisa noTobhiya,

Unehemiya 13