Unehemiya 11:25-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,

26. naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,

27. naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,

28. naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,

29. nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,

30. naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom.

31. Oonyana bakaBhenjamin bathabathela eGebha, besa eMikimas, naseAya, naseBheteli namagxamesi ayo,

32. naseAnatoti, naseNobhi, naseAnaniya,

33. naseHatsore, naseRama, naseGitayim,

34. naseHadidi, naseTsebhoyim, naseNebhalati,

35. naseLode, naseOno emfuleni weengcibi.

36. NakubaLevi kwaphuma amaqela kwaYuda, eza kwaBhenjamin.

Unehemiya 11