Unehemiya 11:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe.

21. Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.

22. Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uziunyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.

23. Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.

24. UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu.

25. Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,

26. naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,

27. naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,

28. naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,

29. nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,

30. naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom.

31. Oonyana bakaBhenjamin bathabathela eGebha, besa eMikimas, naseAya, naseBheteli namagxamesi ayo,

32. naseAnatoti, naseNobhi, naseAnaniya,

33. naseHatsore, naseRama, naseGitayim,

Unehemiya 11