5. Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozityhila iingubo zakho, ndiziphose phezu kobuso bakho, ndizibonise iintlanga ubuzé bakho; ndizibonise izikumkani ukucukucezwa kwakho.
6. Ndiya kukugalela ngezinto ezinezothe, ndikwenze inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo.
7. Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?
8. Ùyidlule ngokulunga yini na iNoka-Amon, eyamisa emijelweni yoMnayile, amanzi engeenxa zonke kuyo; elungqameko lwayo ibilulwandle, udonga lwayo lululwandle?