6. Amasango àsemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe.
7. Kugqityiwe kwelokuba iya kuhlutywa, imkiswe, nabakhonzazana bayo badumzele ngokwelizwi lamavukuthu, bebetha ezifubeni zabo.
8. INineve injengechibi lamanzi, kususela koko yabakhoyo; bayabaleka noko; kuba angàthiwa, Yimani, yimani! hayi, akubikho uphethulayo.
9. Phangani isilivere, phangani igolide; akunakuphela ukuxhotyiswa ngobuninzi beempahla zonke ezinqwenelekayo.
10. Kuthe qongqololo, kwathi qongqololo, kwaba selubala; intliziyo inyibilikile, amadolo ayagevezela; yinimba emanqeni onke, ubuso bonke buphela buba luthuthu.
11. Siphi na isikhundla seengonyama, nedlelo elo leengonyama ezintsha, ebilihamba ingonyama induna nengonyamakazi, ithole lengonyama, kungekho wothusayo?