Umika 5:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, njengamathontsi emvula ebutyanini; engathembele mntwini, engalindele koonyana babantu.

8. Amasalela akwaYakobi oba sezintlangeni, phakathi kwezizwe ezininzi, njengengonyama phakathi kweenyamakazi zehlathi; njengengonyama entsha phakathi kwemihlambi yeegusha, yona ithi, ìngàcanda kuzo, isuke inyhashe, iqwenge, kungabikho mhlanguli.

9. Masiphakame isandla sakho, sibe phezu kwababandezeli bakho, zinqunyulwe zonke iintshaba zakho.

10. Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, ndiwanqumle amahashe akho, angabikho phakathi kwakho, ndizitshabalalise iinqwelo zakho zokulwa.

11. Ndoyinqumla imizi yelizwe lakowenu, ndizigungxule zonke iinqaba zakho;

Umika 5