Umateyu 27:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi.

7. Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.

8. Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.

9. Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, ábammisela inani aboonyana bakaSirayeli, bawarholela umhlaba wombumbi,

10. njengoko yandiyalelayo iNkosi.

11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Únguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.

Umateyu 27