43. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.
44. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.
45. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
46. Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.
47. Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.
48. Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni.
49. Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi!*
50. Wamanga nokumanga. Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na?Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba.