Umateyu 26:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,* aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

3. Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;

4. babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.

5. Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.

6. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,

Umateyu 26