Umateyu 24:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke kaloku, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; úya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?

4. Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu.

5. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,* balahlekise into eninzi.

6. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.

7. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.

8. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.

Umateyu 24