Umateyu 23:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na?

20. Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso.

21. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo.

22. Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.

23. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile* nekumin,* kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.

24. Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela.

25. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi.

Umateyu 23