Umateyu 22:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi,

2. Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe.

3. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka àbavuma ukuza.

4. Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.

Umateyu 22