1. Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi,
2. Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe.
3. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka àbavuma ukuza.
4. Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.