14. Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.
15. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide:
16. basuka bacaphuka, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyáyo ùlungiselele udumiso?
17. Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.
18. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.
19. Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo.
20. Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Ùtheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane?