Umateyu 20:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.

2. Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo* ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe.

3. Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi.

4. Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya.

Umateyu 20