4. Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.*
5. Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa,
6. Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda,Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda:Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli,Onguyena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli.(UMika 5:2)
7. Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;