44. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
45. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile* ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye,
46. exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.
47. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke;