Umateyu 13:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.

12. Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

13. Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda.

14. Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi,Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde;Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe;

15. Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba,Beva ngeendlebe ezithe nkqi,Bayawacima namehlo abo;Hleze babone ngamehlo,Beve ngeendlebe,Baqonde ngentliziyo,Bajike,Ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)

16. Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.

17. Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqweneláyo ukuzibona izinto enizibonayo àbazibona; nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.

Umateyu 13