Umateyu 11:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. ekhwaza abalingane bawo, esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.

18. Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Ùnedemon.

19. UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo.

20. Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi, Yeha, wena Korazin!

Umateyu 11