Umarko 5:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.

11. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

12. Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.

13. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

14. Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.

Umarko 5