Umarko 14:61-66 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

61. Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu,* uNyana waLowo ungowokubongwa?

62. Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.

63. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?

64. Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina?Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.

65. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; ayƩ amadindala emtywakraza.

66. Kuthi ke, akubon' ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu, ambone uPetros esotha,

Umarko 14