61. Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu,* uNyana waLowo ungowokubongwa?
62. Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.
63. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?
64. Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina?Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.
65. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; ayƩ amadindala emtywakraza.
66. Kuthi ke, akubon' ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu, ambone uPetros esotha,