Umarko 14:25-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.

26. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

27. Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.

Umarko 14