Umarko 12:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.

10. Anisilesanga na esi sibhalo sithi,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo;

11. Kwavela eNkosini oku,Kungummangaliso emehlweni ethu?(INdum. 118:22,23)

12. Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.

13. Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.

Umarko 12