1. Isihlabo selizwi likaYehova, esisingisele kuSirayeli, ngoMalaki.*
2. Uthi uYehova, Ndinithandile; ke nina nithi, Ùsithandé ngokuthini na? UEsawu asingumkhuluwa kaYakobi na? utsho uYehova; ukanti ndathanda ke uYakobi;
3. ndamthiya uEsawu; iintaba zakhe ndazenza kwaba senkangala, nelifa lakhe laba leleempungutye entlango.
4. Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ábabhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni.
5. Amehlo enu aya kubona, níthi ke nina, Mkhulu uYehova phezu komda wakwaSirayeli.
6. Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidelé ngokuthini na igama lakho?