29. Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.
30. Ke bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.
31. Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana?
32. Bafana nantoni na? Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina analila.
33. Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Únedemon.
34. Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu nowaboni!
35. Noko ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke.
36. Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa.
37. Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, àkwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile,* linamafutha aqholiweyo.
38. Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo.