Uluka 5:33-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele?

34. Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni?

35. Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.

36. Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye wóba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala.

37. Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba.

Uluka 5