Uluka 24:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili, esithi,

7. UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

8. Bawakhumbula ke amazwi akhe;

9. bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.

10. Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixeláyo ezo zinto kubapostile.*

11. Amazwi abo abonakala emehlweni abo engáthi kukulavuza; àbakholwa ngabo.

12. Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo.

13. Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya* zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi.

14. Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile.

Uluka 24