Uluka 24:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.

29. Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.

30. Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.

31. Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.

32. Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?

Uluka 24