Uluka 23:45-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

45. Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.

46. Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

47. Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa.

48. Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.

49. Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.

Uluka 23