Uluka 23:35-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.

36. Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye, esithi,

37. Ukuba wena ungyuye uKumkani wamaYuda, zisindise.

38. Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, LO NGUKUMKANI WAMAYUDA.

39. Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.

40. Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?

41. Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.

42. Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.

43. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje ùya kuba nam eParadisi.*

44. Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.

Uluka 23