Uluka 21:7-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Úya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?

8. Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu;* ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.

9. Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko.

Uluka 21