Uluka 21:29-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke;

30. xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi.

31. Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.

32. Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.

Uluka 21