Uluka 2:26-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.

27. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,

28. yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:

29. Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo,Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;

30. Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,

31. Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,

32. Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga,Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.

33. Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.

Uluka 2