1. Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare* Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo.
2. Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon' ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya.
3. Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi.