11. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso?
12. Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?
13. Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
14. Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke.